Abantu abatsha balikamva lelizwe lethu 

vukuzenzele unnamed

Ukufakana imilomo nabantu abatsha kusoloko kundishiya ndinodlamko. Kuyavuyisa ukuqonda iingxaki neempumelelo zalo kunye nemibono yalo ngento enokwenziwa ukuphucula eli lizwe.Liyinene elokuba abantu aba tsha basisininzi, bangundaba mlonyeni kwaye izingqi zabo ziyavakala kwisizwe siphelo.Umbono wokuba batyhafile, abanamdla kwezopolitiko okanye bayazingca, uyaphiki swa ziziphumo zamaphulo ophando aqhutywe apha ekhaya nakumazwe aphesheya angqina ukuba abantu abatsha kwihlabathi liphela bahlala benethemba lamathuba  amahle okuphumelela ebomini.Ngokwakufunyaniswe kwi Ipsos Pulse of the People eyakhu tshwa kwinyanga yoMqungu, iipesenti ezingama-61 zabemi boMzantsi Afrika abaneminyaka eli-15 ukuya kweli-17 baziva benethemba malunga nowama-2020.Andithandabuzi ukuba olu luluvo  lwabantu abatsha ngokubanzi ingakumbi eli qela lazalwa ekuqaleni kwale nkulungwane, ekungoku nje bafika kwinqanaba lobudala, olubizwa ngokuba ngama-2000.Ngumlisela nomthinjana owazalwa emva kokuba eli lizwe lifumene inkululekoi. Nangona bengenazivubeko bona buqu zenkohlakalo yombuso wocalucalulo, bayaqhubeka nokuphila nentlungu eyashiywa ngulaa rhulumente yokungalingani ngokobuhlanga, ukubandeze lwa umhlaba kunye nentluphe ko. Olu lutsha luzithembile, lu yazithemba kwaye luyaphuphu ma ngamabhongo. Bayawazi amalungelo abo kwaye aboyiki ukuwabanga. Ulutsha lwelizwe lethu lubonakalisa amandla, ithemba, ulonwabo, ukubanakho, ikamva nenkululeko.Basisizukulwana esiphila ngobuchwepheshe beli xesha esisebenzisa ubugcisa bale mihla ngokuchanekileyo kwaye bajonge ukungena kumakhondo emisebenzi angazange abekho ngexesha labazali babo.Ngaphambi kweNtetho kaMongameli engoBume beSizwe ndiye ndaba nethuba lokunxibelelana neqela lolutsha elinamandla kwindibano yokufakana imilomo ibiququzelelwe yi-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha.Sixoxe ngemicimbi ebaluleke kakhulu kulutsha kwaye savavanya iindlela esinokuthi singqamanisa izimvo kunye neentshukumo zethu.Ngokuqinisekileyo, umba wokufumaneka kwemisebenzi namathuba ubuphambili kwiingxoxo zethu. Kwisigidi esi-1,2 solutsha esifikelela kwinqanaba lukhangela imisebenzi kunyaka ngamnye, phantse isibini kwisithathu sihlala singasebenzi okanye singafundi. Abathathi-nxaxheba kwezi ngxoxo bayayichulumancela into yokuba umba wokuqeshwa kolutsha ufumana ingqalelo kwelona nqanaba liphezulu likarhulumente. Noko kunjalo babonakalisa okwa kuzimisela baziwa ngako: babekulungele kwaye bezimisele ukufaka isandla kuqoqosho ngeendlela ezahlukeneyo, kuquka ukuba ngoosomashi shini, kodwa ubucukubhede obugqithisileyo babasemagunyeni kunye nokusilela kwenkxaso-mali kuyabathintela ekwenzeni oko.Njengoko uBright Hlongwane ovela kwi-Youth in Business South Africa endixelele, kufuneka kubekho inkxaso-mali eya ndisiweyo eya koosomashishi ni abasebatsha. Bangathanda ukubona amaziko ahlukeneyo ezemali, amaziko abolekisa ngemali yophuhliso, abatyali-zimali ababolekisa ngemali engena nzala, iinkampani ezishishina ngezabelo kunye neebhanki zorhwebo eziboleka imali ngetyala zize zixhase oosomashi shini abasebatsha.Ukuze ilizwe lethu liphumelele kwaye likhule kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukuqinisekisa ukuba ulutsha luyakwazi ukuthatha inxaxheba kuqoqosho lwethu ngendlela enenjongo, nokuba kukuqeshwa okanye ukuzisebenzela.Kufanelekile ke ukuba ndisebenzise eli qonga ukumisela uNgenelelo lukaMongameli kwiNgqesho yoLutsha (i-Pre sidential Youth Employment  Intervention), nto leyo ingu mbono wesizwe kunye  nesicwangciso esibonisa amanyathelo okusebenza angxamisekileyo ukujongana nentswela-ngqesho kulutsha.Oku kuquka inkqubo yesizwe yokufunela abantu imisebenzi ethi idibanise abantu abafuna imisebenzi kunye namathuba omsebenzi. Oku kuyakwenza ukuba ulutsha lukwazi ukufumana amathuba njengoko abanye kubo bengenazo iindlela ezenza ukuba kube lula ukufumana amathuba afanelekileyo.Kuza kuqaliswa izifundo zoqeqesho ezikhethekileyo zexeshana ezijolise kwizakhono ezifunwa ngabaqeshi. Oku kujolise ekushukuxeni ingxaki yokungahambelani phakathi kwemfundo esele ikho, iinkqubo zoqeqesho nezophuhliso kunye nezakhono ezifunekayo kuqoqosho lweli lizwe.Siyawamkela umsebenzi osele wenziwe kule ndima, njengenkqubo eqhutywa ngoku lisebe lezoLimo, uHlenga-hlengiso loMhlaba noPhuhliso lwaMaphandle kunye nelezeNtsebenziswano kuLawulo neMicimbi yeze Mveli yokuqeqesha i-1000 la bantu abatsha eFreyistata kwe zolimo nakwezinye izakhono.Uninzi lolutsha lufuna ukuqala amashishini alo. Kunqo ngophele izakhono zobugcisa ezinokulunceda ukuba luziqa-lisele amashishini. Eli nyathelo lokungenelela luya kuxhasa ukukhula koosomashishini abasebatsha. Ushishino ngokuqinisekileyo ayisosisombululo, kodwa ndiqinisekile ukuba le yenye yeendlela ezisebenzayo neziqinisekisiweyo zokubonisa ubungqina kunye nenjongo, umbono wokuba lilungu,  nethemba lekamva lolutsha.INkqubo kaMongameli yee Nkonzo zoLutsha (i-The Presidential Youth Service Programme) inika abantu abatsha ithuba lokuba bafake isandla kumaphulo okuphu hlisa iindawo abahlala kuzo. Eli nyathelo lenzelwe ukwenza  utshintsho luze lwenze impe mbelelo, ngokuchasene nee nkqubo ezingaphelelanga ezithe zaba nempembelelo encinci. Ndazisile kwakhona kwi Ntetho kaMongameli engoBume beSizwe ukuba siza kubekela bucala i-1% yohlahlo-lwabiwo mali lwesizwe kwiphulo lokuqeshwa kolutsha. Inani leenkqubo neeprojekthi ziyilelwe ukushukuxa lo mngeni wesizwe. Ulutsha lwesizwe sethu lukubona ngokucacileyo oku njengesizwe esinamathuba nezithembiso, nangona kukho imiqobo neengxaki oluhla ngabezana nazo. Kule veki iphelileyo ndiye ndadibana nolutsha lwaseMzantsi Afrika olwandenza ndazingca ukuba sisuka phi nempumelelo yethu.Kukho ulutsha oluzibandakanye kwezemidlalo olufana noSim 'Tiger' Tshabalala oneminyaka esi-8 onesiphiwo esimangalisayo ophumelele iimbasa ezininzi zegalufa kwihlabathi. Ubekwe kwindawo yesi-7 kwihlabathi kwiqela lakhe lobudala kwaye uphumelele ukhuphiswano lwega lufa lwaseMelika kabini. Umoya wam waphakama xa umfundi weBanga le-11 uSino yolo Qumba ovela e-Orange Farm wandibhalela malunga noko kufanele ukuba kubekho-na kwiSoNA yalo nyaka. Uye wajoyina iqela lethu lokubhala intetho kwinkqubo yoyilo. Kukho amatsha-ntliziyo afana no-Ayakha Melithafa osuka e-Eerste Rivier eNtshona Kapa, obezimase i-World Economic Forum eDavos ukucela iinkokheli zehlabathi ukuba zime ngokuqinileyo kubulungisa bemozulu. Ndamangala xa ndandidibana noMichelle Nkamankeng, oneminyaka eli-11 ubudala,  ongoyena mbhali umnci nane e-Afrika kwaye ubalwa phakathi kwababhali abaphezulu abalishumi abancinci kwi hlabathi. Umbhali weencwadi ezisixhenxe owathi wabhala incwadi yakhe yokuqala eneminyaka emi-6 ubudala. Nje ngoko uNjingalwazi Jonathan Jansen wathi ukumchaza: “Uno kuzithemba, uyacacisa, uno kuqonda kwaye unothando.” Ngabantu abatsha abafana naba abalingomso nekamva eliqaqambileyo lesizwe sakuthi, abasikhumbuzayo ukuba le nkululeko siyixhamlayo yalwela ngegazi neenyembezi likhaba lakuthi elalizimisele ukuba ayilulo kuphela, kodwa ngabo beza emva kwabo, ekufuneka bahlale ekukhanyeni kwenkululekoKufuneka siqhubeke sisebenzisana njengorhulumente, amashishini, ezabasebenzi noluntu ukuqinisekisa ukuba umthwalo wokungapha ngeli awuqhubeki ukutyhafisa ulutsha lwethu, ukutyumza imimoya yalo nokulwenza ukuba luphelelwe lithemba. Ndiqinisekile ukuba iintshukumo esizichaze kwi-SoNA ziya kubonisa umda omtsha wophuhliso lolutsha.Njengoko uFrantz Fanon esitsho, kukwisizukulwana ngasinye ukufumanisa injongo yaso. Esi sizukulwana sifumene ezaso. Kukuthi ngoku ukuba siluxhase ukuze luzifezekise. Kuyinyani eyimbali ukuba ukungaphumeleli kwesizwe ukukhulisa ngempumelelo nokuphucula amandla obuchule bolutsha bayo kupela ukutshabalala kwekamva lelo lizwe.
