Ulwazi olubanzi nge ADHD ne-ADD 

Silusapho Nyanda

LUKHONA UNCEDO lwabantwana abanesifo se-Attention Deficit Hyperactivity Disorder.
Ukuba umntwa na onesifo se-ADHD) okanye iattention deficit disor der (i-ADD) akanya ngwa, ezi zifo zingenza umonakalo onzulu  empilweni yakhe.
Ezi zimbono zikaGq Khatija Jhazbhay, owongamele iCandelo leNgqondo laBantwana nabaFikisayo kwisibhedlele iTownhill ePietermaritzburg, KwaZulu-Natal.Uyacacisa ukuba njengabantu abadala, aba bantwana basenokuba semngciphekweni  omkhulu wokuhlaselwa  zezinye izifo zengqondo,  ezinjengexhala kunye nokuda-kumba komphefumlo, futhi basenokusebenzisa iziyobisi.I-ADHD kunye ne-ADD zichaphazela indlela abaqhuba ngayo abantwana kwizifundo zabo kwaye le ngxaki banayo inokubacaphukisa abanye abantu. Abantwana abanezi ngxaki basenokungathandwa, bangene engxakini futhi bathande ukwenza izinto ezi-yingozi.“Iimeko zomntwana ngamnye zahlukile kwaye zi-yakhula, ngoko ke kubalulekile ukwenza uvavanyo oluthe vetshe lwengqondo ukuze ubone ezinye izinto ezinokuba nefuthe kwindlela abakhula ngayo, kunye nezo ziluncedo kunokwakhelwa kuzo uku-banceda ukufikelela kubuchule babo obugcweleyo,” utsho uGq Jhazbhay.Uyachaza ukuba i-ADHD kunye ne-ADD sisifo sokuphazamiseka kwemithambo-luvo esithi sibangele ukuba umntwana aziphathe ngendlela engafanelekanga, efana nokungahoyi.Oku kubonakala ngendlela: • yokwenza iimpazamo  ezingenamsebenzi• yokungagqibi imisebenzi• yokulahlekelwa zizinto• yokuphazamiseka lula nokulibalaImizekelo yokuphazamiseka okanye yokuba sisingxami iquka:
• ukungqunga• ukubetha izandla okanye iinyawo• ukujubalaza esihlalweni sabo• ukukhwaza iimpendulo nokuphakama xa kulinde leke ukuba uhlale phantsi.
 “Iimpawu zibonaka-la kwiindawo ezahlu-ka-hlukeneyo – ekhaya, esikolweni, xa enabahlobo okanye ngexesha esenza  eminye imisebenzi – kwaye ziphazamisa indlela anxibelelana ngayo ekuhlaleni, emsebenzini okanye esikolweni. Iimpawu ezinkulu ezikhoyo ngaphambi kweminyaka eli-12 kwaye ku-funeka zibekhona okungenani kwiinyanga ezintandathu.Ootitshala bayakwazi uku-phawula ubunzima bokuzi-phatha kwaye banokumthu-mela umntwana kuvavanyo lwengqondo. Kukho iindlela ezahlukeneyo zonyango ezi-nokuthi zisetyenziswe.
  
