Ukwakha isizwe esikha thalele abantwana

vukuzenzele unnamed

Kukho isaci esiqhe lekileyo kwizizwe zama-Afrika  ezininzi esithi umntwa na ukhuliswa aqeqeshwe sisizwe. Olu luvo – lokuba isizwe ngokubanzi sinoxanduva lokukhulisa, intlalontle kunye nokhuseleko lomntwana ngamnye – luza engqondweni yam xa ndicinga ngokusweleka kabuhlungu nakalusizi kuka-Enock Mpianzi oneminyaka eli-13 kutshanje ngethuba bekukhenketho lwesikolo.
Okubuhlungu kukuba  u-Enock akukuphela komntwana ophulukene nobomi bakhe ngenxa yezinto ebezinokuthi ntelwa, ukuba nje abantu abada la bebeziqhelanise nokukhatha la nokuthatha uxanduva. Le nto inditsho ndacinga ngomnye umntwana naye oneminyaka eli-13, uKeamohetswe Shaun Seboko, osandula ukutshona kwidama lokuquba kwisikolo samabanga aphantsi eMaga liesburg, nabanye abantwana ababini abasweleke kwisikolo iLekgolo Primary eLimpopo xa iloli ithe yatshayisa udonga lwabawela.  Le ntlungu inditsho ndacinga ngabanye abantwana abaninzi, abafana noNathlia Pienaar oneminyaka emi-6 ubudala, owabulawa kwimfazwe yemigulukudu eyayidubulana kummandla weCape Flats. Sikhumbula kwakhona uku sweleka kabuhlungu kukaMi chael Komape kunye noLumka Mkethwa, bobabini basweleka emva kokuba betshone kwi mingxuma yezindlu zangasese ezingagungxulwayo. Bonke abo bantwana, kunye nabanye abaninzi, bekungafunekanga ukuba baphulukene nobomi babo. Zonke ezi ntlekele bezinako ukuthintelwa ukuba bekuthatyathwe amanyathelo okubagcina aba bantwana bekhuselekile. Apha kum kuyacaca ukuba, njengesizwe, siyasilela ekudlaleni indima yethu kuba ntwana bethu. Uninzi lwabantwana lu zifumana lukwiimeko ezi nobungozi. Ezinye zezo meko zifana nokubulawa nguzenzele wephenyane emlanjeni okanye basutywe kukufa kuba beshiyeke bodwa kwityotyombe elinesibane separafini. Xa iinkampani ezakhayo zishiya imisele eziyigrumbileyo  ingagqunywanga okanye izakhiwo zesikolo zinga gcinwanga kakuhle okanye izithuthi zabantwana zigcwele kakhulu, ubomi babantwana bubekwa ebungozini. Kodwa ayikokungakha thali nokungahoyi kuphela okubangela le ngxaki. Uninzi lwabantwana lusemngciphe kweni wabantu ababaxhaphaza ngezesondo, amaqela emigulukudu kunye nabathengisi beziyobisi kanye kuba besaziwa ukuba ngabantwana abanokwenziwa izisulu lula. Njengesizwe, kufuneka sihlale sibaze amehlo kwaye siwumele ngeenyawo umba wokukhusela abantwana bethu kwiingozi ezifana nezi.Njengesizwe, kufuneka sizifundise ukuthatha uxanduva.Kufuneka sizikhathalele thina, abantwana bethu kunye nabanye abantu. Njengoko kufuneka siqinisekise ukuba abantwana bethu bakhulela kwindawo ekhuselekileyo, efudumeleyo nehlaziyayo, ngokunjalo ke kufuneka sizive sinoxanduba lokukhusela nokukhathalela bonke abo sibaziyo nesinxibelelana nabo.Kufuneka siwuve lo msebenzi wokukhathalela endle leni. Nangona zichulumancisa  iindaba zokwehla kwenani labantu abasweleke kwiingozi zendlela kwezi holide zehlobo, intlungu embi yeyokuba bangaphezu kwe-1,600 abantu abasweleke ezindleleni kwisithuba nje esiyinyanga enesiqingatha. Iyadanisa into yokuba abaqhubi zimoto abangama-9,000 baba-njelwe amatyala aquka uku-qhuba phantsi kweempembe-lelo zotywala, ukuqhuba ngesa ntya  esiphezulu, nokuqhuba kakubi nangokungakhathali. Ukuthatha uxanduva kuthetha ukuba kufuneka sonke siqhube ngenkathalo futhi sihloniphe amalungelo abahambi ngee nyawo nabanye abasebenzisi bendlela.Ukuthatha uxanduva kuthetha ukuba ootata kufuneka babekhona ebomini baba ntwana babo. Maninzi amanina ekufuneka ezikhulisele aba ntwana babo bodwa, into leyo inciphisa amathuba abo kunye nawabantwana babo okuphumelela ebomini.Ukuthatha uxanduva kuthetha nokuba kufuneka sizikhusele kwezesondo futhi singabezibeki thina okanye abanye esiche ngeni sokosulelwa yi-HIV . Kufu neka singaseli utywala kakhulu okanye sisebenzise iziyobisi. Kufuneka sifune ukuphila ubomi obusempilweni ukwenzela ukuba siziphephe izifo ezinoku thintelwa kwaye siphile ubomi obude. Le ndlela yokuziphatha kufuneka ilandelwe ngokukodwa ngabo bonke abantu abaphe theyo kwizikhundla zegunya nabahlonitshwayo luluntu, nokuba zinkokeli zezenkolo okanye oosopolitiki, iinkokeli zemveli okanye oosaziwayo. Ngokusebenzisa nje amazwi nezenzo zabo, kufuneka bancedise kumalinge okwakha isizwe esingcono apho wonke umntu exatyisiwe kwaye ekhathalelwe.Amagosa onyuliweyo kunye nabasebenzi bakarhulumente baphathiswe uxandauva lokuqinisekia ukhuseleko nentlalo-ntle yabemi. Kufuneka aqinisekise ukuba kukho izakhiwo ezaneleyo nezikhuselekileyo ezikolweni. Kufuneka ashukume ngokukhawuleza xa kukho uphazamiseko lwamanzi ekuhlaleni okanye xa kuchazwe izibane zesitalato ezonakeleyo. Kufuneka baqinisekise ukuba kunya nzeliswa imigaqo yezempilo nezokhuseleko futhi nokuba umthetho awophulwa.
Ukongeza kumsebenzi oqhubekayo owenzeka  kurhulumente wonke,  kuwo onke amanqanaba, ukuzalisekisa olu xanduva, ngamanye amaxesha kuye kufuneke sithathe ama yathelo angaqhelekanga. Ukuphendula ekufeni nasekonzakaleni okubangelwa kukutshona kwabantwana  emingxunyeni yezindlu za ngasese ezingagungxulwayo, sisungule iphulo le-SAFE lokukhawulezisa ukwakhiwa kwezindlu zangasese ezifane lekileyo kuzo zonke izikolo elizweni. Sathumela uMkhosi woKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika kwiindawo ezithile eKapa ukuxhasa amapolisa kwiinzame zawo zokunciphisa ubundlobonge-la. Kutshanje, thina, kunye nemibutho yoluntu, siqalise isicwangciso sokulwa ubu ndlobongela obenziwa ku manina nabantwana.Nangona kunjalo, kuninzi ekufuneka sikwenzile, nje gorhulumente nanjengesizwe. Sibaqhwabela izandla abo bantu kunye nemibutho ethe yaluthathela kulo uxanduva lokukhathalela  impilo yabanye. Kukho aba ntu abafana noRalph Bou wers kunye noMark Nicho lson, abaququzelela imidlalo yokuzonwabisa yabantu abasebatsha eLavender Hills eKapa ukuze bangaguquki babe yimigulukudu. Kukho oomama, oodade kunye neentombi abasebenza njengamavolontiya angabafundi kwi-Operation Bobbi Bear, umbutho ose-Amanzimtoti KwaZulu-Natal ofunela aba ntwana abancinci abangama xhoba okuxhatshazwa  iindawo zokuhlala.Kukho amaqela amaninzi ezenkolo afana neSouthern African Catholic Bishop’s Conference, endisandula ukudibana nawo andixelele malunga nomsebenzi awe nzayo ukujongana neemfuno zabantu abahluphekileyo, ukuxhasa iintsapho ukuba zikhathale kwaye zikhulise kwaye zincede abantu abasebatsha ukuba bahlangabezane nemingeni emininzi abajo ngene nayo. Aba bemi baseMzantsi Afrika basibonisa indlela. Ngemizekelo yabo, baya sikhumbuza ukuba kuthetha ukuthini ukuzithathela uxa nduva thina buqu nokuluboni sa nakwabanye. Eli lizwe lithwaxwe ziintlekele ezininzi kakhulu. Baninzi abantu abatsha abaphulukene nemiphefumlo yabo, baninzi abantwana abagcuma zintlu ngu zomzimba nezomphe fumlo. Singasiphelisa esi sihelegu ukuba sonke, umntu ngamnye kuthi, unokuthatha uxanduva lokukhulisa abantwana kuMzantsi Afrika uwonke.
