Ukukhulelwa okwenzeka ngaphandle kwesibeleko yingozi edinga inkathalelo yezempilo kaxakeka

Allison Cooper

Abantu basetyhi ni abaye bafuma na ukukhulelwa okwenzeka ngaphandle kwesibeleko babazi kakuhle ubuhlungu bentliziyo obubangelwa koku,  ngenxa yeziphumo ezithembisayo ezingqina ukuba bakhulelwe kuvavanyo lom-chamo nolwegazi.
Ngokutsho kukaGqr Bushy Mhlari, oyiSenior Registrar kwicandelo leEctopic Ob stetrics and Gynaecology e-Dr George Mukhari Academic Hospital , ochaze uku-ba ukukhulelwa ngaphandle kwesibeleko kukukhulelwa okwenzeke ngaphandle komngxuma wesibeleko. Uye wathi ngokuqheleki-leyo, emva kokuchunyiswa kweqanda yimbewu yobu-doda – okuthi kwenzeke ngaphakathi kwemibhobho yesibeleko, iqanda elichu-nyisiweyo lihamba ngo-mbobho liyokutsho nga-phakathi kumngxuma wesibeleko apho lincama-thela khona kwinwebu engaphakathi esibelekweni, aze emva koko umntwana akhule. “Ekukhulelweni okwenze-ka ngaphandle kwesibeleko, iqanda elichunyisiweyo lihlala  kwezinye iindawo zomzimba. Kwiziganeko ezingama-98%, olu hlobo lokukhulelwa lwenzeka kwimibhobho yesibeleko. Iindawo ezingaqhelekanga ziquka indawo esisiyile-lo-maqanda emzimbeni, emazantsi esisu, emlonyeni wesibeleko nakwisiqwanga esingaphandle kwesibele-ko,” utshilo uGqr Mhlari.Xa oku kusenzeka, isi-hluma sembewu asinaku-miliselwa kwenye indawo, into enokwenziwa inye kuphela kukuba sikhutshwe isisu eso. UGqr Mhlari uthe umntu wasetyhini unamathuba amaninzi okufumana ingxa ki yokukhulelwa okwenze-ka ngaphandle kwesibeleko ukuba; 
• unemibhobho yesibele-ko eyonakeleyo okanye engaqhelekanga, enokususela kukuba wa-khe wanesifo okanye usuleleko lwesifo kule mibhobho alufu-mene ngokwabelana ngesondo okanye ngotyando kwimibhobho; • wakhe wanayo ingxa ki yokukhulelwa okwe nzeke ngaphandle kwesibeleko ngaphambili; • akanayo inzala; • unamaqabane okwabelana ngesondo  amaninzi; • utshaya imidiza.“Ukugqabhuka kwale nwebu yambethise isihlu-ma sembewu xa umntu enengxaki yokukhulelwa ngaphandle kwesibeleko kungambulala kwaye kungunobangela ophambili wokusweleka koomama abakhulelweyo kwiinyanga ezintathu zokuqala bekhule-lwe. Izehlo zokukhulelwa okwenzeka ngaphandle kwesibeleko zimalunga ne-2%,” utshilo uGqr Mhlari.
Iimpawu zokukhulelwa okwenzeka ngaphandle kwesibelekoNgokukaGqr Mhlari,  iimpawu zibonakala  kwangoko xa ukhulelwe. Ngamanye amaxesha, nangaphambi kokuba umntu wasetyhini aziqonde ukuba ukhulelwe. Iimpawu eziqhelekileyo ziquka; 
• iintlungu zamazantsi esisu, • ukuphosakala kwexe-sha lokuya exesheni; • ukopha kwilungu lobufazi.“Nangona kunjalo, abanye abantu basetyhini ababinazo iimpawu kude kugqabhuke imibhobho yesibeleko. Xa oku kusenzeka, umntu wa-setyhini unokuva iintlungu eziqatseleyo kwaye abanye basenokopha kwilungu lobufazi. Oku kulandelwa sisiyezi, ukuhla koxinzelelo lwegazi, ukufa isiqaqa, uko-thuka kunye nokufa ukuba unyango lulibazisekile,” utshilo.Ukuze uxilongo luyiveze le ngxaki yokukhulelwa okwenzeka ngaphandle kwesibeleko kufuneka kwenziwe uvavanyo  lokukhulelwa lwegazi okanye olomchamo uku-ngqina ukuba umntu wa-setyhini ukhulelwe kusini na. “Kwenziwa uvavanyo lwamaza esandi olubizwa i-ultrasound  emva koko ukuqinisekisa ukuba isibe leko asinanto na kwa-nokubona ukuba isihluma sembewu sifumaneka phi na kumzimba womntu wasetyhini,” utshilo uGqr Mhlari.
Ukunyanga ukukhulelwa okwenzeka ngaphandle kwesibeleko “Xa ukukhulelwa okwenzeka ngaphandle kwesi-beleko kufunyanisiwe ku-funeka kunyangwe ukuze kungabi sahambela ndawo, kuba ubomi bomntu wase-tyhini busemngciphekweni ukuba unyango lulibazise-kile,” utshilo uGqr Mhlari.“Utyando yeyona ndlela ingcono yokunyanga le ngxaki nangona kunjalo, ukuyifumanisa kwangethuba kubangela kube neendlela zonyango eziliqela ekunokukhethwa kuzo phambi kokuba ukukhulelwa okwenzeka ngaphandle kwesibeleko kugqabhuke,” wongeze watsho. UGqr Mhlari uthe umntu wasetyhini uyakwazi uku-phinda akhulelwe  emva kokufumana le gxaki. Abantu basetyhini abakrokrela ukuba banengxaki yokukhulelwa okwenzeka ngaphandle kwesibeleko kufuneka badibane nogqirha wabo, baye esibhedlele okanye kwikliniki ekufu-tshane ngokukhawuleza.