Uqhawulo-mtshato ngokusemthethweni

Dale Hes

Xa sele uzame yonke into ukwenza ukubaumtshato wakho usebenze, uqhawulo-mtshato lungayeyona nto ingcono kuni nobabini nomlingane wakho. Uqhawulo-mtshato lunzima kwaye luyadakumbisa kwii ntsapho zibe nazo iinkqubo zomthetho ziyenza ingqondo iphixane.
Uqhawulo-mtshato kuxaumtshato uqhawulwe ngo-kusesikweni enkundleni yezomthetho. Kukho iindidi ezim bini zoqhawulo-mtshato: olun gaphikiswanga – apho bobabini abalingane bavumelanayo ukuba uqhawulo-mtshato kufanele luqhubeke; noluphikiswayo – apho abalingane bangavumelaniyo ngoqhawulo-mtshato olo okanye bangavumelaniyo ngemiqathango yalo. UJosephine Peta, noliGosa loLawulo lezoMthetho eliPhezulu kwi-Ofisi yeGqwetha leJaji eliJongene neMiba yeeNtsapho yeSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko, ucacisa ukuba uqhawulo-mtshato luqala xa kukhutshwe iisamani.  “Umntu ofuna ukuba umtshato wabo uqhawulwe angafuma na iisamani zoqhawulo-mtshato kwinkundla ephakamileyo okanye kweyenqila, okanye unokuya kwigqwetha ukuba limncede kulo nkqubo. Lo mlingane ufaka isicelo sokuqala inkqubo yoqhawulo-mtshato ubizwa ngokuba ngummangali aze omnye umlingane abizwe ummangalelwa,” utshilo uPeta. UPeta ucacise ukuba iisamani zoqhawulo-mtshato kufuneka:
• zichaze ukuba akukho themba lokuba ungaze uphinde ulungiseke lo mtshato,• zilungiselele ukohlulwa kwempahla ekuditye nweyo ngayo okanye unyanzeliso lwemimiselo ekuvunyelwene ngayo kw isivumelwano somtshato esatyikitywa ekuqalweni kwalo mtshato, zize  • zicacise ukuba ngawaphi amalungiselelo aza  kwenziwa ngabantwana besi sibini, afana nokuba abantwana baza kuhlala kubani.“Iisamami kwakhona kufuneka zichaze ukuba lowoungummangalelwa uneentsuku ezi-10 zokuphendula iisamani – kwimeko apho bahlala khona kummandla omnye kunye nommangali, okanye iintsuku ezingama-20 – ukuba bahlala kumaphondo awohlukeneyo,” wongeze watsho uPeta.Xa sele livuliwe ityala, ama-xwebhu abuyiselwa kumma-ngali, ekufanele eyokuwanikezela kunothimba wendawo ahlala okanye asebenza kuyo ummangalelwa.“Ngoko ke unothimba uza kusa la amaxwebhu kumma-ngalelwa buqu aze akhuphe isiqinisekiso sokuba uwahambi -sile, ukuqinisekisa ukuba ama-xwebhu asiwe. Kwimeko apho kuchaphazeleka khona aba-ntwana, i-Ofisi yeGqwetha leJaji eliJongene neMiba yeeNtsapho kufuneka yazisiwe,” uphawule watsho uPeta.Emva kwexesha leentsuku ezi-10 okanye ezingama-20, ummangali angalubhalisa uqhawulo-mtshato kumqu lu wamatyala enkundla.
 Kuqhawulo-mtshato  oluphikiswayo, ummangale-lwa kufuneka ephendule iisa-mani ngokufaka isaziso se-njongo yokuphikisa uqhawulo-mtshato olo.“Xa sele kwenzekile konke oko, kukwafuneka efake impendulo ayakuzithethelela ngayo phakathi kwexesha elicacisiwe. Le mpendulo yinkcazelo apho ummangale-lwa aphendula kuyo izityholo ezikwiisamani. Emva kokuba ifakiwe lo mpendulo, umma-ngali naye usenokuyiphendu-la lo mpendulo okanye afake isaziso sokumisela umhla wokuxoxa.
“Ke ngoku ityala liya ku-miselwa umhla wokuxoxa,” uqukumbele watsho uPeta. vYintoni uqhawu lo-mtshato oluzen zekelayo?Inkundla iyakunikezela ngoqhawulo-mtshato oluzenzekelayo ukuba iisamani bezinikezelwe kumlingane aze ke angaphenduli phakathi kwexesha elimiselweyo. Kodwa ke, bubuchule ukuba uqhagamshelane naye umlingane wakho kuqala kuba usenokubuya ekuhambeni kwethuba azame ukuba sijikwe eso sigwebo soqhawulo-mtshato ngezizathu zokuba ebenesizathu esibambekayo esibangele ukuba aliphose ixesha elimiselweyo.
Ukuba iphephandaba i-Vuk’uzenzele liza kukhupha uthotho lwamanqaku anxulumene noqhawulo-mtshato? Wakhangele kushicilelo olulandelayo.
